Umoya wasemantla neLanga
Aesop | eGrisi
Umoya onamandla waseMantla neLanga elizolileyo zizama ukwenza umkhenkethi akhulule ibhatyi yakhe ukubonakalisa ukuba ngubani onamandla. Ngomphi ozophumelela?

Kwathi ke kaloku, umoya waseMantla neLanga zazixambulisana.
"Ndim onamandla" kutsho umoya waseMantla, ezingomba isifuba.
"Utsho?" latsho iLanga ngoncumo olufedumeleyo. "Ndicinga ukuba ndim onamandla kunawe."
Kwathi kanye kunjalo babona umkhenkethi ehamba endleleni. Ezinkintshe ngomanduba wedyasi.
Kwe qatha icebo kumoya wasemantla. "Masikhuphisane! Okwaze ukwenza umkhenkethi akhulule idyasi, iyobanguye onamandla."
Lavuma iLanga, latsho laqala ukhuphiswano. Waqala umoya waseMantla, wakhokha amandla wavuthela kanobom Wavuthuza, wavunguza umoya ujikeleza umkhenkethi, uzama ukukrazula ibhatyi. Wavuthuza umoya, waqiniseka ukuxhasa ibhatyi umkhenkethi ezama ukuzifudumeza.
Wavuthela, wavunguza umoya waseMantla, kodwa umkhenkethi waxhasa idyasi yakhe. Ekugqibeleni, umoya waseMantla wancama ephelelwe ngumoya.
"Heke, lithuba lam kengoku" latsho iLanga lincumile, laqalisa ukugqatsa.
Laqhakaza ilitha leLanga lafika kumkhenkethi. Lathi ligqatsa iLanga, umkhenkethi wosula ibunzi esiva shushu. Ekugqibeleni, wakhulula idyasi wayithi tyu ecaleni kwakhe.
Wathyafa umoya waseMantla wanikezela. "Uphumelele."
Lancuma iLanga lathi “ngelinye ixesha, ububele nemfudumalo zinamandla kunonyanzelo."



















