Aesop | Greece

Ufudo noMvundla

Ngokuzinza nokunyamezela, ufudo oluhamba kancinci luyangena kukhuphiswano nomvundla ozithembileyo. Ngubani oya kuwela umgca wokuqhuba kuqala?

Ufudo noMvundla
Okubalulekileyo kwiNcwadi yeNtsomi

Kwathi kwathi ngaminazana ithile, kwakukho umvundla othanda ukuqhayisa. "Ndisesona silwanyane sibalekayo kunazo zonke ehlathini!" nto le wayeyithetha kumntu wonke. "Akukho mntu unondodlula ekubalekeni!" wayesithi letshe emithini athi tshe ematyolweni ezishiya zibethwe ngumoya ezinye izilwanyana efunanje ukutshambaza.

Kodwa oyena wayemenza intlekisa lufundo."Zijonge ube ucotha ukhasa!" ehleka isiqhazolo. "Ubunganoze uphumelele nokuba ubunoqala izolo!"

UFudo,lwalu thule luzolile lunesneke,lade ladikwa lathi "Masikhuphisane, Mvundla masibone ukuba kukubalekisa kodwa okwenza impumelelo."

Zothuka ezinye izilwanyane, Ukhupisano phakathi koyena ubalekayo noyena uncangathisayo? Yayinga kholeleki! Waphela yintsini uMvundla "Wena? Ukhuphisane nam? Le izophela ungeka beki ne lokuqala unyawo!"

Wavuma, ehleka enjalo. Impungutye yalulungisela olukhuphiswano sevula nendlela kumthi omkhulu. Zaqokelelana zonke izilwanyane, sezinxamele ukubukela ukhuphiswano.

“Nikulungele ukuqala? Maziye!” ikhwaza impungutye.

Wadibula phambili umvundla,wavumbulula luthuli,ngophanyazo wankenqeza ngaphambili.Njengesiqhelo,ufudo lancangathisa,nchu unyawo phambi lwelinye.

Emva kwexesha umvundla wajonga emva, lwabe ufudo lusemva Lee. “ILula lento,” washo encumile umvundla. “Ndingaphumelela noba ndinothi nqwa!”

Wabona umthi onomthunzi, wazolula,wavala amehlo.

Lwabe ufudo lusaqhuba, lungemanga, lunganxamanga,chu ncembe, ubheka phambili. Kungekudala ufudo lwabe solufika emthini, umvundla usa Rhona. uFudo lwathi rhwaqu, lwaqhubekeka nendlela. Ezinye izilwanyane zabe zibukele zimangalisiwe, lwabe ufudo lugqitha.

Ethubeni,umvundla wavuka,wazamla,wazolula wajonga phambili.

Ufudo lwabe selizofika ekuqhibeleni!

Umangalisiwe umvundla wothuka wakwaza, “Kwenzeka ntoni?” Vandla ukuphakama, waleqisa kanga ngoko, inyawo nqi emhlabeni, kodwa kwabe sekonakele.

Ufudo lwanyathela okokugqibela laqabela emgcedi.

Kwazala uvuyo ehlathini. Intaka zintyiloza, onomatse baqhwabizandla, impungutye yakhwaza “Lwaphuma phambili uFudo!”

Wajingisa intloko umvundla, ungakholelwa! wawusowuzixelele ngempumelelo, kodwa inyani yavela, edaniswa kukogqhitwa wayeka ukuqhayisa umvundla kwaye zange aphinde agezele ufudo kwakhona.

Thenga Incwadi Kwaye Uncede Ekuziseni Iintsomi Ehlabathini

Yonwabela iintsomi ezingama-25 ezikhethiweyo ngobomi, ngokushicilelweyo. Konke ukuthenga kuxhasa amabali asimahla abantwana, abazali, kunye nootitshala kwihlabathi liphela kwa-fablereads.com

Fables Book
I-Copyright© 2025 FableReads, Onke Amalungelo Agciniwe
Ufudo noMvundla