Aesop | Greece

Ingonyama neMpuku

Ingonyama ixolela impuku ethembisa ngokubuyekeza inceba nyenyi mini. Ingabe impukwana ingaze iyincede njani ingonyama?

Ingonyama neMpuku
Okubalulekileyo kwiNcwadi yeNtsomi

Kwathi kwathi ngaminazana ithile, Ingonyama yayisethe nqwa ngaphantsi kwelanga elifudumeleyo. Yazolula ngaphantsi komthunzi womthi omde, isonwabele injikalanga.

Kufuphi Kukho impukwana evunguza engceni, ikhangela ukutya igajonganga nokuba iyaphi, yaske yagilana nempumlo yengonyama ngempazamo. Ingonyama yothuka ebuthongweni bayo, yavuka ngodlwabevu lomrhono.

Idikiwe yavela yaganga impukwana ngonyawo yayibamba nqi nonyawo, ye-nga umlomo.

Yangcangcazela impuku kukoyika yankwiniza isithi, "Ndicela ungandityi! ukuba undiyekile, ndiyathembisa ukuba ndiya kuze ndikuncede ngenye imini"

Ingonyama yayijonga impuku yahleka. "Wena? Uncede mna? Into encinci nje ngawe ingaze iyincede ngantoni ingonyama enamandla nje ngam?" Kwathi Kanti ingonyama isemdleni, yaphakamisa unyawo yayiyeka impuku yaphuncuka. Yakhawuleza yatsibela emthini omde impuku seyibulela "Ndiyabulela ngonyama enamandla, soze ndiyilibale into ondenzele yona."

Emveni kwentsuku ezimbalwa, yathI ingonyama isahamba ehlathini yexhakamfu kumgibe wabazingeli, kwawa umnatha osindayo wayi ngquma ingonyama, yabhijeleka imilenze nomzimba. Ya nga rharhama, ipitsholoza izama ukuphuma kwabe kungenzeki.

Impukwana yathi isiva isikhalo somrharhamo, yathso yakhumbula isithembiso sayo yaleqa nganeno kwesikhalo. Ye ntla ngengonyama ibhijeleke kwintambo ezomeleleyo yakhawuleza yanyuka kumnatha.

"Subana xhala ndizokunceda!" Yasebenzisa amazinyo wayo abukhali yanqunqa intambo yathi iluma yabe intlantlatha msinyane. Yasebenza yasebenza yade yaqhawuka intambo.

Yazivuthulula ingonyama yaphuma emnatheni. Yajonga phantsi ijonga impuku ngokungakholwayo nombulelo.

"Ndiyabulela,mhlobo omncinane,” Yasho ingonyama “Usindise ubomi bam". Yancuma impuku. "Nempukwana encinci iyakwazi ukunceda ingonyama enamandla".

Ukusukela kuloo mini ingonyama nempuku baba ngabahlobo abakhulu, baphila bonwabile ehlathini.

Thenga Incwadi Kwaye Uncede Ekuziseni Iintsomi Ehlabathini

Yonwabela iintsomi ezingama-25 ezikhethiweyo ngobomi, ngokushicilelweyo. Konke ukuthenga kuxhasa amabali asimahla abantwana, abazali, kunye nootitshala kwihlabathi liphela kwa-fablereads.com

Fables Book
I-Copyright© 2025 FableReads, Onke Amalungelo Agciniwe
Ingonyama neMpuku